Show simple item record

dc.contributor.advisorMletshe, L.K.
dc.contributor.authorXakatha, Bonke
dc.date.accessioned2022-03-11T07:35:05Z
dc.date.available2022-03-11T07:35:05Z
dc.date.issued2021
dc.identifier.urihttp://hdl.handle.net/11394/8878
dc.descriptionMasters of Arten_US
dc.description.abstractOlu phando lwahlula-hlulwe lwanezahluko ezintandathu. Zonke ezi zahluko ziqulathe okubalulekileyo malunga nokuveza izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esiXhoseni. Isahluko sokuqala siqulathe intshayelelo, iinjongo zophando, intsusa-mabandla kwakunye nenkqubo oluza kuqhuba ngayo uphando equka umda kwakunye nendlela oluhlelwe ngayo. Isahluko sesibini sigxile kwiingcingane zobugcisa (ithiyori) ezintathu ezisetyenzisiweyo ezithi zincedise ukuxhasa kwanokuveza eyona mvelaphi yophando. Oku kuthi kudandalaziswe elubala ngokunika iingqwalasela kuluncwadi olukhoyo olumalunga neembongi zomthonyama ngokuthe gabalala. Isahluko sesithathu sinika engqwalasela ngokukhethekileyo kwimibongo emihlanu engabantu, apho kubo bambi bazinkokheli zopolitiko. Umbongo ngamnye uvelelwa intsusa-mabandla yawo kwanamabakala awo kuze kulandele uhlalutyo. Kwakuso esi sahluko kuthi kunikwe inkcazelo malunga nezixhobo okanye izangotshe zolwimi ezithile ezithi zifumaneke kuhlalutyo. Isahluko sesine sigxile kwimibongo emihlanu engendalo engengobantu, umzekelo; imilambo, ilanga, njalo-njalo. Nakuso esi isahluko kuqala kunikwe ingqwalasela kwimvelaphi okanye intsusa-mabandla yombongo ngamnye kuze kulandele amabakala ombongo kwakunye nohlalutyo. Kwesesihlanu isahluko kukwa landelwe le nkqubo yezinye izahluko, kodwa kuyo kungxilwe kwimibongo emihlanu engemiba yabantu ekuhlaleni. Isahluko sesithandathu luqukumbelo, kuze emva kwalo kulandele imithombo yolwazi kwakunye nemibongo yonke ihlalutyiweyo kuphando Iimbongi zomthonyama zibonakala zinesakhono esikhethekileyo sokusebenzisa ulwimi lwesiXhosa. Olu phando lujolise ekuvezeni nzulu ezo zakhono zolwimi zifumana zisetyenziswa zimbongi zomthonyama.en_US
dc.language.isoxhen_US
dc.publisherUniversity of the Western Capeen_US
dc.subjectZopolitiko.en_US
dc.subjectNtshayeleloen_US
dc.subjectKwiingcingane zobugcisaen_US
dc.subjectEngendaloen_US
dc.titleIzakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esixhosenien_US
dc.rights.holderUniversity of the Western Capeen_US


Files in this item

Thumbnail

This item appears in the following Collection(s)

Show simple item record